19 Sinako ukutya kweedonki zethu, ngokunjalo mna sicaka sakho kunye nesicakakazi sakho nomfana ohamba nathi sinaso isonka newayini. Hayi, asixakekanga kwelo cala.”
20 Ixhego ke lathi: “Namkelekile kwam; aninakude nilale apha phandle. Yizani; ndiza kunilungiselela.”
21 Lagoduka nabo ke, lazityisa iidonki zabo. Bahlamba iinyawo, baza batya basela.
22 Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”
23 Kambe ke umninimzi waphuma, wathetha nazo, wathi: “Hayi, mawethu, ndiyanibongoza, sanukulenza elo nyala; lundwendwe lwam olu!
24 Ndaweni yaloo nto thathani intombi yam kwanomfazi walo mfo. Mandinikhuphele bona, nenze ukuthanda kwenu kubo. Kodwa sanukuyenza into embi kangaka kulo mfo.”
25 Kambe ke azivumanga ezo zibhoja. Ngoko ke umLevi lowo wakhupha loo masihlalisane wakhe, zaza ke zadlalisa ngaye zazenzela apho kuye kwada kwasa.