27 Kusasa yathi yakuvula umnyango indoda yakhe, iphuma iza kuhamba, yamfumana elele apho ngasemnyango, izandla zakhe zisembundwini.
28 Yathetha naye, yathi: “Vuka sihambe!” Kwathi cwaka. Yaza ke yamthatha, yamxhoma edonkini, yagoduka naye.
29 UmLevi lowo ke uthe akufika ekhaya wathatha imela. Umzimba waloo mfazi ke wawunqunqa waziziqwenga ezilishumi elinambini, waza ke isiqwenga ngasinye wasithumela kwenye yezindlu zikaSirayeli.
30 Wonke ke umntu owayibonayo le nto wavakala esithi: “Zange siyive siyibone into enje! Into enje zange ihle okoko uSirayeli waphumayo eJiputa! Mayiqwalaselwe, kubonwe into emayenziwe!”