23 Kaloku amaSirayeli ayeye kuzibika kuNdikhoyo, alila iinyembezi kwada kwahlwa. Abuzisa kuye kwakhona, athi: “Ngaba masiye na ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Yiyani nilwe nawo.”
24 Ngosuku olulandelayo amaSirayeli aphinda amhlasela uBhenjamin.
25 Nangesi ke isihlandlo amaBhenjamin aphuma eGibheya, aza ageqa ishumi elinesibhozo lamawaka oompondo-zihlanjiwe bamaSirayeli.
26 Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.
27-28 Ngelo xesha ke ityesi yomnqophiso yayilapho eBhetele. Ke uPineyasi unyana kaElazare umzukulwana ka-Aron yayinguye umbingeleli apho. AmaSirayeli ke aphinda abuzisa kuNdikhoyo, athi: “Ngaba masiye ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin, okanye masincame?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Phakathi! Ngomso ndiza kunithi jize ngoloyiso!”
29 Ngoko ke amaSirayeli afihla amanye amajoni, axhwarha kufuphi neGibheya.
30 Nangolu lwesithathu usuku amaSirayeli amhlasela uBhenjamin, amajoni akha uhlelo ekhangele iGibheya njenga-ngaphambili.