26 Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.
27-28 Ngelo xesha ke ityesi yomnqophiso yayilapho eBhetele. Ke uPineyasi unyana kaElazare umzukulwana ka-Aron yayinguye umbingeleli apho. AmaSirayeli ke aphinda abuzisa kuNdikhoyo, athi: “Ngaba masiye ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin, okanye masincame?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Phakathi! Ngomso ndiza kunithi jize ngoloyiso!”
29 Ngoko ke amaSirayeli afihla amanye amajoni, axhwarha kufuphi neGibheya.
30 Nangolu lwesithathu usuku amaSirayeli amhlasela uBhenjamin, amajoni akha uhlelo ekhangele iGibheya njenga-ngaphambili.
31 AmaBhenjamin aphuma ukuhlangabeza, ada asishiya isixeko. Njengezolo ke akhe ageqa apho kumaSirayeli kuloo mathafa nakwindlela eya eBhetele neya eGibheya. Kwafa amashumi amathathu amaSirayeli.
32 AmaBhenjamin athi: “Isesesezolo; siwafumene!”Ke wona amaSirayeli athi: “Masihlehle, khon' ukuze siwatsalele ezindleleni kude nesixeko.”
33 Wathi ke umkhosi wamaSirayeli waqokelelana eBhali-tamare, waza lowa wawulalele ngaseGibheya wadyulukudela ukuphuma kwezo ziwana zingqonge isixeko.