39 umkhosi osedabini uya kubuya nawo ungene uhlasele. Ngeli thuba ke amaBhenjamin ayeselewabulele amaSirayeli amalunga namashumi amathathu. Ayesezincoma esithi: “Sesezolo nanamhlanje; siwafumene!”
40 Kweso sithuba ke wasuka wavela umqondiso; suka kwavela umpokophela womsi, wathunquza uphuma apho esixekweni. Athi ke akujonga amaBhenjamin abona isixeko sawo singamalangatye nje!
41 Suka ke amaSirayeli aguquka, ke wona amaBhenjamin asuka azizithwanga-thwanga, kuba eqonda ukuba ihlile intlekele.
42 Azama ukuhlehla abalekele entlango, kodwa ke umkhosi wathi mbende emva kwabo. Axinwa atyakatywa nangamanye amadoda awayephuma ezidolophini.
43 AmaSirayeli awarhawula amaBhenjamin, awasukela, aza awoyisa lula kude kufuphi neGibheya empumalanga.
44 Kwafa ishumi elinesibhozo lamawaka koompondo-zihlanjiwe bamaBhenjamin.
45 Amanye asabela entlango, esinga kumawa aseRimon, kwaza kwabulawa amawaka amahlanu ezindleleni. AmaSirayeli athi mbende emva kwawo ukuya kutsho eGidiyon, aza abulala amawaka amabini.