1 Ke kaloku ngethuba amaSirayeli ayehlanganisene eMizpa ayebhambathisile phambi *koNdikhoyo athi: “Asisoze sendisele iintombi zethu kumaBhenjamin.”
2 Ngoku ke amaSirayeli suke ahlanganisana phambi koThixo eBhetele; ahlala apho kwada kwahlwa, ehlahlamba ebindekile,
3 esithi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ngani ukuba sihlelwe yinto enje? Ngani ukuba esinye isizwe sezizwe zakwaSirayeli sitshabalale siphele tu?”
4 Ngentsasa elandelayo ke amaSirayeli akha iqonga apho, aza enza amadini atshiswayo kunye namadini obudlelwane.
5 Abuzana athi: “Ngaba kukho indlu na yakwaSirayeli engazange iye kwimbizo esasinayo phambi koNdikhoyo eMizpa?” (Kaloku amaSirayeli ayenze isifungo esingqongqo, athi: “Nabani na ongayanga embizweni eMizpa uya kubulawa.”)
6 Ngoku ke amaSirayeli ayenxubile ngenxa yabazalwana bawo amaBhenjamin. Avakala esithi: “Namhlanje uSirayeli ulahlekelwe yenye yezindlu zakhe.
7 Nithi makuthiweni ukuze la maBhenjamin aseleyo azuze abafazi? Kaloku sabhambathisa phambi koNdikhoyo sathi asisoze siwendisele iintombi zethu.”