5 Abuzana athi: “Ngaba kukho indlu na yakwaSirayeli engazange iye kwimbizo esasinayo phambi koNdikhoyo eMizpa?” (Kaloku amaSirayeli ayenze isifungo esingqongqo, athi: “Nabani na ongayanga embizweni eMizpa uya kubulawa.”)
6 Ngoku ke amaSirayeli ayenxubile ngenxa yabazalwana bawo amaBhenjamin. Avakala esithi: “Namhlanje uSirayeli ulahlekelwe yenye yezindlu zakhe.
7 Nithi makuthiweni ukuze la maBhenjamin aseleyo azuze abafazi? Kaloku sabhambathisa phambi koNdikhoyo sathi asisoze siwendisele iintombi zethu.”
8 Abuza ke amaSirayeli athi: “Ngaba kukho ndlu na ingazange iye eMizpa?” Afumanisa ukuba kwakungekho mntu waseJabheshe yaseGiliyadi.
9 Ngexesha lokuhlelwa komkhosi akubangakho mntu wayevela eJabheshe.
10 Ngoko ke ibandla lakhupha ishumi elinambini lamawaka amajoni angoompondo-zihlanjiwe, lawayalela ukuba aye eJabheshe, afike abulale wonke umntu nomfazi nomntwana lo wembala.
11 Kwathiwa: “Wabulaleni amadoda nabafazi, nisindise iintombi nto.”