27 Wathi akufika kweleentaba lakwaEfrayim wavuthela isigodlo, ahlangana amaSirayeli, wawakhokela wehla nawo kwezo nduli.
28 Wathi kuwo: “Yizani! UNdikhoyo uzinikele ezandleni zenu iintshaba zenu amaMowabhi.” Ngoko ke amaSirayeli ehla, ekhokelwa nguEhudi, aza awalalela amaMowabhi emazibukweni ayeza kuyiwela ngawo iJordan; avala ke apho, akwawela nendoda enye le.
29 Ngaloo mihla ke abulala kwisithuba seshumi lamawaka awona majoni omeleleyo anobukroti omkhosi wamaMowabhi; zange kusinde nelinye.
30 Ewe, ngaloo mihla amaSirayeli awoyisa amaMowabhi, kwaza ke kwalandela iminyaka yenzolo engamashumi asibhozo.
31 UEhudi walandelwa nguShamgare unyana ka-Anati. Naye ke wawakhulula amaSirayeli. Wabulala amaFilistiya angamakhulu amathandathu ngesixhobo sokuqhuba iinkomo esifana nomkhonto.