10 UBharaki wazibizela eKedeshe izizwe zakwaZebhulon nakwaNafetali. Wahamba neshumi lamawaka lamadoda, ekhatshwa nguDibhora.
11 Ngaloo mihla uHebhere umKeni wayemise intente yakhe eKedeshe kufuphi nomthi omkhulu wom-oki eZananim. Yena wafuduka kumawabo, inzala kaHobhabhi usibali kaMosis.
12 Akuxelelwa uSisera ukuba uBharaki unyana ka-Abhinowam unyuke intaba iTabhore,
13 wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.
14 UDibhora ke wathi kuBharaki: “Phambili! UNdikhoyo uyakukhokela. Yiyo le imini amnikele ngayo esandleni sakho uSisera.” Wehla ke uBharaki apho entabeni iTabhore, enelo shumi lamawaka amadoda.
15 Akuhlasela uBharaki, uNdikhoyo wamtsho wadideka uSisera ndawonye naloo mkhosi wakhe uneenqwelo. USisera ke wehla kuloo nqwelo yakhe, wabaleka ngeenyawo.
16 Lo mkhosi uneenqwelo ke uBharaki wawusukelisa, wesa eHarosheti-hagoyim. Umkhosi kaSisera watshatyalaliswa wonke, akwasala nempunde le.