7 Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”
8 UBharaki ke waphendula wathi: “Kulungile, ukuba siza kuhamba kunye, kodwa ukuba akuyi wena, nam andiyi.”
9 Ke yena wathi: “Ewe, ukuhamba oku ndiya kuhamba, kodwa ke uze wazi ukuba udumo lwale mfazwe aluyi kuza kuwe, kuba uNdikhoyo uya kumnikela emfazini uSisera lowo.”Ngoko ke uDibhora waya eKedeshe ehamba noBharaki.
10 UBharaki wazibizela eKedeshe izizwe zakwaZebhulon nakwaNafetali. Wahamba neshumi lamawaka lamadoda, ekhatshwa nguDibhora.
11 Ngaloo mihla uHebhere umKeni wayemise intente yakhe eKedeshe kufuphi nomthi omkhulu wom-oki eZananim. Yena wafuduka kumawabo, inzala kaHobhabhi usibali kaMosis.
12 Akuxelelwa uSisera ukuba uBharaki unyana ka-Abhinowam unyuke intaba iTabhore,
13 wawuqokelela umkhosi wakhe, amakhulu alithoba eenqwelo, nawo onke amadoda akhe, wawakhupha eHarosheti-hagoyim, waya nawo kumlambo iKishon.