13 UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”
14 UNdikhoyo ke wabheka kuye, wathi: “Hamba ngala mandla unawo, uwasindise amaSirayeli ezandleni zamaMidiyan. Kaloku ndim okugunyazisayo.”
15 UGidiyon wathi: “Camagu, Nkosi yam, ndingawahlangula njani na amaSirayeli? Umzi wakowethu ungento nje kwaManase, nam ndingongazelwe nto kowethu nje?”
16 UNdikhoyo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. AmaMidiyan uya kuwatshayela, abe ngathi kuwe angumntu omnye.”
17 UGidiyon waphendula wathi: “Ukuba ungakum, nceda undenzele umqondiso wokuba nguwe Ndikhoyo lo uthetha nam.
18 Nceda, sukumka de ndibuye nomnikelo, ndiwubeke phambi kwakho.”Saphendula sathi: “Hayi ke, ndiza kuhlala apha ude ubuye.”
19 UGidiyon ke waya kuxhela ibhokhwe esencinci, wayipheka. Wenza nesonka ngomgubo oziikhilogram ezilishumi. Intlama leyo zange ayidibanise nagwele. Inyama leyo wayifaka ebhaskitini, waza wawuphatha ngembiza umhluzi; waya nazo ezo zinto kwisithunywa sikaNdikhoyo esasiphantsi komthi wom-oki.