30 Bathetha noJowashe ke, bathi: “Mkhuphe unyana wakho, simbulale! Udilize iqonga likaBhali, wawunqunqa umfanekiso ka-Ashera obungakulo.”
31 UJowashe wathi kuloo madoda ayemrharhamela: “Kanti ngoku seningakuBhali? Nini abamkhuselayo? Wonke umntu ongakuBhali uza kufa kungekasi. Ukuba uBhali nguthixo makazilwele; kaloku kudilizwe iqonga lakhe.”
32 Ukusukela ngoko ke uGidiyon kwathiwa nguJerubhali, kuba uJowashe ethe: “UBhali makahlanganise, kuba liqonga lakhe elidiliziweyo.”
33 Ahlanganisana ke amaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga, baza bawela iJordan, baya kumisa kwintili yaseYizereli.
34 UGidiyon wagutyungelwa nguMoya kaNdikhoyo, wakhalisa isigodlo ememeza amawabo omzi ka-Abhiyezere ukuba abophelele amlandele.
35 Wathumela izigidimi ukuba abizwe eze kuye amadoda onke akwaManase. Wathumela nakwa-Ashere, kwaZebhulon, nakwaNafetali, zaza ke zeza nezo zindlu.
36 UGidiyon wathi ke kuThixo: “Ukuba ngenene uza kuhlangula amaSirayeli ngesandla sam naku ke endiza kukwenza: