13 Wafika uGidiyon xa kanye indoda ilawulela uwayo iphupha layo, isithi: “Ndiphuphe kuqengqeleka isonka serhasi; senze uqulukubhode sada saza kufika apha kulo mkhosi wethu, sabhodloza enye intente, sayibetha yasisicaba.”
14 Uwayo lowo ke uthe ukuphendula: “Tyhini, mfondini; nanjani na, lowo ngumkhonto kaGidiyon unyana kaJowashe, umfo wakwaSirayeli. Loo nto ke ithetha ukuba lo mkhosi wamaMidiyan uphela uThixo uwunikela kuye.”
15 UGidiyon akuliva eli phupha lalo mfo ngokunjalo nokuchazwa kwalo, wasuka wee guqaqa wanqula uThixo. Emva koko ke wabuyela kwakumaSirayeli, wafika wathi: “Qulani niye; uNdikhoyo uwunikele esandleni senu umkhosi wamaMidiyan.”
16 Loo madoda omkhosi wakhe omakhulu mathathu wawahlula-hlula kathathu, waza indoda nganye wayinika isigodlo nengqayi enesikhuni esivuthayo ngaphakathi.
17 Wawayala wathi: “Ze nindiqwalasele, nithi sakusondela phaya ekampini yotshaba, nenze loo nto ndiyenzayo.
18 Xa mna neqela lam sikhalisa izigodlo nani ze nenjenjalo, nijikeleze loo kampu, ngokunjalo nikhwaze nithi: ‘Iwu-u-u, watsh' umkhonto kaNdikhoyo nokaGidiyon!’ ”
19 UGidiyon nelo khulu lakhe lamadoda waya kufika emdeni wekampu yotshaba, kancinane nje phambi kobhadakazi ebusuku, kanye emva kokutshintshwa kwabalindi. Ke kaloku basuka batsho ngomtyangampo bekhalisa amaxilongo, bazikroboza nezo ngqayi babeziphethe.