6 Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.
7 UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.”
8 Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.
9 Ngobo busuku ke uNdikhoyo wathetha noGidiyon wathi: “Yihla uye ekampini yamaMidiyan; ndiwanikela esandleni sakho.
10 Kambe ke, ukuba uyoyika, khawuthathe isicaka sakho uPura, niye kuwakrobela.
11 Uya kuthi wakuziva iincoko zawo utsho ube nesibindi, uwahlasele.”Ngoko ke uGidiyon noPura isicaka sakhe behla baya kutsho emdeni wekampu yotshaba.
12 AmaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga babethe saa kuloo ntili, sebengathi libubu leenkumbi; kanti ke neenkamela zabo zaziyinyambalala engenakubalwa enjengentlabathi elunxwemeni lolwandle.