1 Ke kaloku amaEfrayim athi kuGidiyon: “Bekutheni ukuze ungasibizi thina ukuphuma kwakho usiya kulwa namaMidiyan? Ngani ukuba usiphathe kanje?” Amxoxisa ngamandla.
2 Ke yena waphendula wathi: “Ukukhwahlaza kwenu, maEfrayim, kube nengeniso egqithe lé kwisivuno sethu, thina ndlu ka-Abhiyezere.
3 Kaloku uThixo uzinikele ezandleni zenu zombini iinkosi zamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. Ngaba yintoni na mna endiyenzileyo egqithe oko nikwenzileyo nina?” Akuba etshilo ke yadamba ingqumbo yamaEfrayim ngakuGidiyon.
4 Ngeli thuba ke uGidiyon nomkhosi wakhe omakhulu mathathu bafika kwiJordan. Nakuba babediniwe bayiwela, bawasukela amaMidiyan.
5 Bakufika eSukoti uGidiyon wathi kubantu bakhona: “Umkhosi wam udiniwe; khaniwuphe isonka, kuba ndisukela ookumkani bamaMidiyan uZebha noZalmuna.”