29 Ke kaloku uJerubhali, uGidiyon unyana kaJowashe, wagoduka waya kuhlala ekhaya.
30 Oonyana bakhe babengamashumi asixhenxe; kuba kaloku wayenabafazi abaninzi.
31 Futhi ke wayenenkazana eShekem; yona ke yazala unyana, waza wamthiya igama elinguAbhimeleki.
32 UGidiyon ke unyana kaJowashe wasweleka selekhulile, waza wafihlwa kwingcwaba likayise uJowashe eOfra, idolophu yama-Abhiyezere.
33 Emva kokusweleka kukaGidiyon ke amaSirayeli zange anyaniseke kuThixo, asuka anqula ooBhali. Asuka athi phithi nguBhali womnqophiso, emenza isithixo sawo,
34 akaba samkhumbula *uNdikhoyo uThixo wawo, owayewahlangule kuzo zonke iintshaba ezaziwaphahlile.
35 AmaSirayeli zange anyaniseke kumzi wakuloJerubhali (uGidiyon ukutsho) ngenxa yobulungisa owawubenzele bona.