18 Kodwa ke namhlanje niyivukele inzala kabawo. Nibabulele oonyana bakhe, amashumi asixhenxe onke, phezu kwelitye elinye. Nithe uAbhimeleki unyana awamfumana enkazaneni ezalana nani, namenza ukumkani waseShekem.
19 Kambe ke ukuba esi senzo senu sinenyani saye simsulwa, yonwabisanani noAbhimeleki.
20 Ukuba ke akunjalo, ngamana angadangazela umlilo uAbhimeleki, abatshise abemi baseShekem nabaseBhete-milo; ngamana nabemi baseShekem nabaseBhete-milo bangamlenya ngomlilo noAbhimeleki.”
21 Wathi ke, kuba emoyika umntakwabo uAbhimeleki, wasuka wabaleka uYotam, waya kuhlala eBhere.
22 Ke uAbhimeleki wabamba iintambo iminyaka emithathu kwaSirayeli.
23 UThixo wadala umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi baseShekem, baza bona benza ubuqhetseba ngakuAbhimeleki.
24 Le nto ke yenzeka ukuze uAbhimeleki nabemi baseShekem abamkhuthazileyo ekugwinteni amashumi asixhenxe oonyana bakaJerubhali, bajike badliwe yinja yabo.