24 Le nto ke yenzeka ukuze uAbhimeleki nabemi baseShekem abamkhuthazileyo ekugwinteni amashumi asixhenxe oonyana bakaJerubhali, bajike badliwe yinja yabo.
25 Abemi baseShekem bafuna abantu, bababeka ezintabeni, ukuze balalele uAbhimeleki; suka bona baphanga wonke umntu ogqithayo. Ke uAbhimeleki wayixelelwa yonke le nto.
26 Ke kaloku kwafika uGali unyana kaEbhede eShekem enabantakwabo. Abemi baseShekem ke babethembele kuye.
27 Baphuma ke baya kukha iidiliya ezidiliyeni zabo, baza baxovula benza iwayini, babhiyoza. Baphuma baya kwindlu yesithixo sabo, batya basela bamqalekisa uAbhimeleki.
28 Wathi uGali unyana kaEbhede: “Xa engubani yena uAbhimeleki inzala kaShekem, ukuba sibe phantsi kwakhe? Akanyana kaJerubhali na? AsinguZebhule na ihlakani lakhe? Hayi bo! Masibuse amadoda akwaHamori usoShekem!
29 Akwaba ibindim okhokela esi sizwe; bendiya kumsusa uAbhimeleki lo! Bendiya kumxelela ndithi: ‘Mawube ngathi uyaqina umkhosi wakho, uphume, khe sidibane.’ ”
30 Akuyiva into ethethwe nguGali wacaphuka uZebhule usibonda weso sixeko.