38 UZebhule waphendula wathi: “Aye phi kaloku amatshamba akho ngoku? Andithi kaloku nguwe kanye owawusithi: ‘Ngubani yena uAbhimeleki ukuba sibe phantsi kwakhe?’ Nango ke laa madoda obuphoxisa ngawo! Hamba kaloku, uphume uye kulwa nawo!”
39 Waphuma ke uGali, wabakhokela abemi baseShekem, balwa noAbhimeleki.
40 UGali wasaba, waza ke wasukelwa nguAbhimeleki. Abaninzi benzakalela kwalapho ukuya esangweni lesixeko.
41 UAbhimeleki wahlala eAruma, waza uZebhule wamdudula uGali nabantakwabo baphuma eShekem, ababa saba nako ukuhlala khona.
42 Ngomhla olandelayo uAbhimeleki waxelelwa ukuba amaShekem aceba ukuphuma aye emaphandleni;
43 waza ke waphuma nomkhosi wakhe wawahlula-hlula kathathu, waya kubalalela emaphandleni. Wathi akubona abantu bephuma esixekweni, naye waphuma ekuzimeleni, wababulala.
44 Wathi xa axhabashileyo uAbhimeleki neqela lakhe besiya esangweni, aba amanye amaqela la mabini ehlasela abasemaphandleni, ababulala.