5 Waya nazo kowabo eOfra, waza ke wababulala bonke oonyana bakayise, ebabulalela phezu kwelitye elinye. Kambe ke yona inci kaJerubhali uYotam yazimela yaza yasinda.
6 Baphuma ke abemi baseShekem nabo bonke abaseBhete-milo, bahlanganisana baya kumthi omkhulu wom-oki oseShekem, bammisela khona uAbhimeleki waba ngukumkani wabo.
7 Akuyiva le nto uYotam waqabela kwintaba iGerizim, wakhwaza wathi: “Inzwi! Ndiphulaphuleni, maShekem! NoThixo mhlawumbi anganiphulaphula!
8 Imithi yazimisela ukuzithambisela ukumkani. Yathetha nomnquma, yathi: ‘Yiba ngukumkani wethu.’
9 Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ngoku ukuvelisa amafutha abadunyiswa ngawo uThixo nabantu, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’
10 Yaza ke imithi yathetha nomkhiwane, yathi kuwo: ‘Yiza ube ngukumkani wethu.’
11 Ke wona waphendula wathi: ‘Ngaba nifuna ndiyeke ukuvelisa ezi ziqhamo zimnandi kunene, khon' ukuze ndiyongamele eminye imithi?’