51 Apho ke kwakukho inqaba eyomeleleyo kunene, aza ke onke amadoda nabo bonke ababhinqileyo (abemi bonke besixeko ukutsho) bangena kuyo. Bazitshixela, baya kuhlala phezulu eluphahleni.
52 Akufika uAbhimeleki, eze kuhlasela inqaba leyo, waya emnyango, efuna ukuyitshisa.
53 Kambe ke umfazi othile owayephezulu enqabeni wamgibisela ngelitye lokusila, wamqhekeza ukhakhayi.
54 Ngoko nangoko ke wabiza umfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele lakho undibulale, ukuze kungathiwa ndibulewe ngumfazi.” Ngoko ke umfana lowo wamgwaza wafa.
55 Athi ke amaSirayeli akubona ukuba uAbhimeleki ufile, asuka agoduka onke.
56 Ngale ndlela ke uThixo wabuphindezela ububi obabenziwe nguAbhimeleki kuyise ngokubulala abantakwabo abangamashumi asixhenxe.
57 UThixo wabohlwaya nabantu baseShekem ngenxa yenkohlakalo yabo, njengoko wathethayo uYotam unyana kaJerubhali xa wayebashwabulela.