1 La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziya wayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowam unyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima.
2 Wathetha wenjenje uAmos:“*UNdikhoyo angabharhumla kwintab' iZiyon,iziwi lakhe lingazongoma livela ngaseJerusalem,amadlelo atsho abharhe,yona incopho yentaba iKarmele itshaze.”
3 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba iDamasko yayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku ibhule iGiliyadi ngesileyi sokubhula esimazinyo ayintsimbi.
4 Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo ibhotwe likaHazayeli,zitshe ziphele nqu iinqaba zikaBhenadadi.
5 Ndiza kuwadiliza amasango aseDamasko,ndibasiphule neengcambu abemi bentili yaseAvenkunye nezo ziphathamandla zaseBhete-eden.Ama-Aram aya kuthinjwa, asiwe eKire.”Utsho uNdikhoyo.
6 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba iGaza yayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke yagqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku bona bathimba isizwe siphela,basithengisa saba ngamakhoboka kwaEdom.