1 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani.
2 Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”
3 UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.
4 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.
5 Ndaza ndathi: “Nceda, Nkosi Ndikhoyo; pheza ngoku. Abantu bakwaYakobi baya kuphela, beziindwayi nje!”
6 UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe malunga nalo mba. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” itshilo iNkosi uNdikhoyo.
7 Naku eyandibonisa kona. INkosi yayimi ngaseludongeni olwalwakhiwe lumpuluswa, iphethe isixhobo sokulungelelanisa.
8 Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga.
9 Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
10 UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe.
11 Kaloku uAmos uthi: ‘UJerobhowam uza kufa likrele, amaSirayeli wona athinjwe afuduswe emke kweli lizwe.’ ”
12 Waza wabhekisa kuAmos uAmaziya, wenjenje: “Hamb' umke, mbonindini! Hamba ubuyele kwilizwe lakwaJuda, uphangele uzuze isonka sakho ngokushumayela apho.
13 Uzungabuye uphinde ushumayele apha eBhetele. Le yindawo yokunqulela ukumkani; esi sisibingelelo sakomkhulu.”
14 Wathi uAmos ukuphendula uAmaziya: “Mna andinguye umshumayeli, ndingenguye noweqela labashumayeli abahlawulwayo. Ndingumfuyi mna, ndaye ndilima amakhiwane.
15 Ndisuswe *nguNdikhoyo koko kufuya. UNdikhoyo uthe kum: ‘Yiya ushumayele kubantu bam amaSirayeli.’
16 Phulaphula ke, ulive ilizwi likaNdikhoyo. Wena uthi: ‘Musa ukushumayela kuwo amaSirayeli, ungathethi lizwi lichaseneyo nendlu kaIsake.’
17 Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”