Uamos 2 XHO96

AmaMowabhi

1 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba amaMowabhi ayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku wona awatshisa aluthuthu amathambo kakumkani wase-Edom.

2 Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo elakwaMowabhi,zitshe ziphele nqu iinqaba zaseKeriyoti.Aya kufa kuloo mbodamo amaMowabhi,kuvakala intsholo yentlaba-mkhosi nezigodlo.

3 Ndiya kuzicim' igama iziphathamandla zalapho,nezinxiba-mxhaka zabo zife kunye nabo.”Utsho uNdikhoyo.

AmaJuda

4 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba amaJuda ayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku wona awulahlile umyalelo kaNdikhoyo,akayigcina imimiselo yakhe,suka alahlekiswa ngamampunge,nditsho amampunge awayelandelwa ngooyise.

5 Ngoko ke ndiza kulintumeka ngomlilo elakwaJuda,zitshe ziphele nqu iinqaba zaseJerusalem.”

Isigwebo sikaThixo kumaSirayeli

6 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nokuba amaSirayeli ayone izihlandlo zazithathungendingasirhoxisanga isohlwayo sam.Kambe ke suke agqithisa ngokona isihlandlo sesine.Kaloku wona azuza imali ngokuthengisa ngabantu abathembekileyo,ihlwempu lona ananise ngalo ngeembadada.

7 Iindwayi azinyhasha iintloko zibe luthuli,zona iimpula-kalujaca azitsho ziphume endleleni.Unyana noyise babolekisana ngenkazana enye,benyelisa igama lam elingcwele.

8 AmaSirayeli ahamba ezandlala kumaqonga ngamaqonga,etsho ngezambatho azithimbileyo,endlwini yothixo wawo asele iwayini ayithathe kubantu abadliweyo.

9 “Ndim kaloku owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwamaSirayeli –nditsho eziya ngxilimbela zibude bunga ngumthi womsedare,nokomelela kunga ngum-oki,ndazitshabalalisa iziqhamo zawo phezulu,ndazisiphula iingcambu ezantsi.

10 Ndim owanikhupha eJiputa,ndanikhapha amashumi amane eminyaka nisentlango,nada naya kuhlutha umhlaba wama-Amori.

11 Ndim owenza abanye boonyana benu baba *ngabashumayeli,abanye baba ngamalolo kaNdikhoyo?Akunjalo yini na, bonyana bakaSirayeli?”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12 “Loo malolo nina niwangxale iwayini,*kubashumayeli nathi: ‘Musani ukushumayela.’

13 “Mna ke ndiza kunenza nixinge apho nikhoyo,oku kwenqwelo exinga kukuzala zizithungu.

14 Akuyi kusinda noyena unamendu umntu,nezigantsontso ziya kutsho ziphelelwe ngamandla,ikroti lingabi nako ukusindisa ubomi balo,

15 kunkwantye nkqu neencutshe zeentolo,imbaleki ingabi nakuphuncuka,kungasindi nokhwele ehashini.

16 Ewe, nelona laziwayo igorha liya kuswantsula zé ngaloo mini.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9