Uamos 6 XHO96

Ukutshatyalaliswa kwamaSirayeli

1 Mawoo! Lusizi okwenu, nina bantundini bathe zava eZiyon,nina nizicingelayo ukuba nikhuselekile kwintaba yaseSamariya –nditsho nina, zindwalutho zesizwe,nina kuziwa kuni ngabantu bakwaSirayeli.

2 Khanenjenjeya niye kuvelela iKalene,nidlule apho niye kwesaa sixekokazi iHamati,nihle nibheke eGati isixeko samaFilistiya.Ngaba loo mimandla iyidlula ngantoni eyenu?Ngaba kanene loo mihlaba mikhulu kuneyenu na?

3 Nina niwubekela kude umhla weshwangusha,kanti nisondeza ukulawulwa lugonyamelo.

4 Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,nee ngqendevu kwezo sofa zenu,nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.

5 Nivukwa yinkenkqe yakutsho ihapu,niqambe ingoma nixelise uDavide.

6 Nizibetha zichuchumale iindebe yiwayini,niziqhole ngawexabiso amafutha,ningabi nantlungu ngokutshabalala kwendlu kaJosefu.

7 Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,aphele loo matheko enithe zava kuwo.

8 INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”

9 Kumzi ekukho ishumi lamadoda kuwo, aya kufa.

10 Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”

11 Niyabona, uthethile uNdikhoyo;umzi omkhulu uwudiliza ube ngamabhodlonomncinane ube ziintanda.

12 Akhe aphale na amahashe emaweni?Ngaba ukho olima apho ngeenkabi zeenkomo?Kodwa nina ubulungisa nibujike baba yityhefu,nokunyaniseka nakutsho kwaba likhala elikrakrayo.

13 Nivuyiswa kukuthimba iLodabhare,futhi niqhayisa ngokuthi iKarnayim nayoyisa ngamandla enu.

14 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “MaSirayeli, ndinizisela isizwe!Siza kuniphatha gadalala ukususa kulaa ngxingwa yaseHamatikude kuye kutsho kulaa ntili ingaseArabha.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9