Uamos 4 XHO96

Abafazi baseSamariya

1 Liphulaphuleni eli lizwi, bafazindini basezintabeni zaseSamariya,zintondini ezityebe okweemazi zeenkomo zaseBhashan,nina nicinezela iindwayi, niwaxhaphaze amahlwempu,ezi zinto zithi kumadoda azo: “Thungani sisele!”

2 Ifunge ubungcwele bayo iNkosi *uNdikhoyo, yathi:“Seyinifikele imini yokuqweqwediswa kwenu nirhuqwa ngamagwegwe,abantwana benu betsalwa ngomlobothi.

3 Niya kukhutshwa ngeemfanta zeendonga ezilungelelene nani;niya kulahlwa kweziya ntaba zaseHarmon.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

Iinkani zamaSirayeli

4 “Yiyani eBhetele, none;niye naseGiligali, nigabadele ukona;nivuke mihla le nisondeze amadini;nizise izishumi qho ngosuku lwesithathu!

5 Zitshiseni izonka ezinegwele zibe ngumnikelo wombulelo,nibhengeze iminikelo yenu yokuqhutywa yintliziyo,nihambe niqhayisa ngaloo nto.Nantso ke into enikholwa yiyo, nina maSirayeli.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

6 “Ndanizisela indlala ezixekweni zenu zonke,akwabikho nesuntswana eli lesonka emizini yenu,kodwa anibuyelanga kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

7 “Ndim ozise imbalela iinyanga ezintathu phambi kwesivuno,ndanisa imvula kule dolophu, ndayishiya leya;yanetha kule intsimi, enye ndayishiya ibharhile.

8 Basuka kule dolophu baya kuleya abantu,befuna amanzi okusela,suka akabanela.Kodwa phezu koko anibuyelanga kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

9 “Ndahlisa ulophu olutshisayo nomngundane,zazitsho zee waca izityalo nezidiliya zenu,iinkumbi zawanqunqutha amakhiwane enu nemithi yeminquma.Phezu koko anibuyelanga kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

10 “Ndanihlisela isibetho esifana nesaseJiputa,oonyana benu bawa ngekrele edabinikunye namadoda akhwela amahashe.Zanuka phu iikampu zenu liphunga lezidumbu zabo,suka nina anabuyela kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

11 “Abanye benu ndababhubhisa ngalaa ndlela ndabhubhisa iSodom neGomora ngayo.Nina nasinda ngathi sisikhuni sixwilwe emlilweni,kodwa anifuni kude nibuyele kum.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12 “Ke ngoko, Sirayeli, ndophinda ndikwenze konke oku.Ke, njengoko ndiza kwenjenjalo,zilungiseleleni, maSirayeli, ukuhlangana noThixo wenu.”

13 Ulodala iintaba, adal' umoya,ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9