1 Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli,kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa:
2 “Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi;yiyo ke loo nto ndiza kunohlwaya ngenxa yobugwenxa benu bonke.”
3 Bakha bahamba kunye na ababini bengavani?
4 Kanene, ikhe igqume ehlathini ingonyama ingenalo ixhoba?Khona, ikhe irgargame ingonyama entsha esikhundleni sayo ingabambanga nto?
5 Yona intaka ikhe ingene kwisabatha apho kungabekwanga mgibe khona?Sona isigu khe sifane sibambise nje, kungekho nto ibanjiweyo?