4 Kanene, ikhe igqume ehlathini ingonyama ingenalo ixhoba?Khona, ikhe irgargame ingonyama entsha esikhundleni sayo ingabambanga nto?
5 Yona intaka ikhe ingene kwisabatha apho kungabekwanga mgibe khona?Sona isigu khe sifane sibambise nje, kungekho nto ibanjiweyo?
6 Kanene, khe kubekho intlaba-mkhosi ingabothusi abantu esixekweni?Hee, khe kuvele ishwangusha esixekweni lingasuki kuNdikhoyo?
7 Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo *abashumayeli.
8 Yakugquma ingonyama, ngubani ongakhwankqiyo?Yakuthetha iNkosi uNdikhoyo, ngubani ongalayo ukushumayela?
9 Luvakalise olu daba kumabhotwe aseAshdode;luxele nakumabhotwe aseJiputa, uthi:“Buthelani ezintabeni zaseSamariya,niye kubona imbudumbudu ekweso sixeko,niyijonge ingcinezelo elapho.”
10 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Abo bantu abazani tu nobulungisa;amabhotwe abo azele zizinto abazizuze ngobugebenga nangokuxhaphaza.”