13 Yiyo ke loo nto zona izilumko zisuka ziwuvale owazo zingathethi,kuba eli lixesha lezinto ezimanyumnyezi.
14 Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,khon' ukuze niphile,naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,njengoko nizingca ngaloo nto.
15 Inkohlakalo yithiyeni,nithande ukwenza okuhle,nivuselele ubulungisa ezinkundleni zenu,mhlawumbi uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, angaba nenceba kumasalela endlu kaJosefu.
16 Ngoko ke utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, iNkosi, ukuthi:“Koba sisijwili kwiindawo zonke zembutho;ezitalatweni zonke ibe ngooyoo-yoo zizikhalo.Kobizwa kwanabalimi ukuza kulila,kumenywe nabazili ukuza kubhomboloza.
17 Koba seso sijwili nakwizidiliya zenu,kuba ndobe ndize kunohlwaya.”Utsho uNdikhoyo.
18 Mawoo kwabo balangazelela imini *kaNdikhoyo!Ngaba kanene kuni loo mini yoba yimini enjani?Imini kaNdikhoyo yoba sisithokothoko sobumnyama, ingabi kukukhanya.
19 Koba ngathi umntu ubaleka ingonyama,aye kugagana nebhere.Koba ngathi umntu ungena endlwini, abambelele eludongeni,suka alunywe yinyoka kweso sandla.