16 Ngoko ke utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, iNkosi, ukuthi:“Koba sisijwili kwiindawo zonke zembutho;ezitalatweni zonke ibe ngooyoo-yoo zizikhalo.Kobizwa kwanabalimi ukuza kulila,kumenywe nabazili ukuza kubhomboloza.
17 Koba seso sijwili nakwizidiliya zenu,kuba ndobe ndize kunohlwaya.”Utsho uNdikhoyo.
18 Mawoo kwabo balangazelela imini *kaNdikhoyo!Ngaba kanene kuni loo mini yoba yimini enjani?Imini kaNdikhoyo yoba sisithokothoko sobumnyama, ingabi kukukhanya.
19 Koba ngathi umntu ubaleka ingonyama,aye kugagana nebhere.Koba ngathi umntu ungena endlwini, abambelele eludongeni,suka alunywe yinyoka kweso sandla.
20 Imini kaNdikhoyo iya kuba bubumnyama, ingabi kukukhanya.Yoba sisithokothoko sentsunguzi engenalitha.
21 “Ndiwathiyile, ndiwacekisa amatheko enu,andinamdla konke yimisitho yenu.
22 Loo madini atshiswayo niwenzayo, kunye naloo minikelo yenu yeenkozo, andiyi kuyamkela;andiyi kuyisa so konke iminikelo yenu yobudlelane yeenkomo ezityetyisiweyo.