5 Musani ukuquqela eBhetele,ningayi naseGiligali,ningatyeleli eBheshebha,kuba abantu baseGiligali baza kuthinjwa,iBhetele ingabi nto yanto.”
6 Quqelani kuNdikhoyo, niphile,kungenjalo uya kuza evutha,ayitshise iphele indlu kaJosefu,kungekho nabani eBhetele ongawucimayo loo mlilo.
7 Nina nigqwetha ubulungisa bube krakra njengekhala,nibukhahlele phantsi eluthulini.
8 Ulomenzi woomakroza noozilimela,ulojik' isithokothoko sobumnyama sibe ngumsobomvu, nemini ibe yintsunguzi yobusuku,ulovulela amanz' olwandle ankcenkceshe ngawo umhlaba,nguNdikhoyo igama lakhe.
9 Nguye umtshabalalisi wezigantsontso;nguye umdilizi weenqaba zazo.
10 Niyamcaphukela umntu othanda ubulungisa ezinkundleni,nilithiye ingqina elidandalazisa inyaniso.
11 Njengoko niwacinezela amahlwempu,niwarhumisa nangengqolowa ayivunileyo,anisobe nizihlale ezo zindlu zenu zamatye aqingqiweyo,ningasobe niyisele newayini evela kwezo zidiliya zenu zinqwenelekayo.