7 Nina nigqwetha ubulungisa bube krakra njengekhala,nibukhahlele phantsi eluthulini.
8 Ulomenzi woomakroza noozilimela,ulojik' isithokothoko sobumnyama sibe ngumsobomvu, nemini ibe yintsunguzi yobusuku,ulovulela amanz' olwandle ankcenkceshe ngawo umhlaba,nguNdikhoyo igama lakhe.
9 Nguye umtshabalalisi wezigantsontso;nguye umdilizi weenqaba zazo.
10 Niyamcaphukela umntu othanda ubulungisa ezinkundleni,nilithiye ingqina elidandalazisa inyaniso.
11 Njengoko niwacinezela amahlwempu,niwarhumisa nangengqolowa ayivunileyo,anisobe nizihlale ezo zindlu zenu zamatye aqingqiweyo,ningasobe niyisele newayini evela kwezo zidiliya zenu zinqwenelekayo.
12 Ndiyabazi kaloku ubuninzi bobugwenxa benunobukhulu bezono zenu.Nitshutshisa abantu abamsulwa;niyakuthanda nokunyotywa.Amahlwempu niyawavala angeviwa ezinkudleni zenu.
13 Yiyo ke loo nto zona izilumko zisuka ziwuvale owazo zingathethi,kuba eli lixesha lezinto ezimanyumnyezi.