2 Khanenjenjeya niye kuvelela iKalene,nidlule apho niye kwesaa sixekokazi iHamati,nihle nibheke eGati isixeko samaFilistiya.Ngaba loo mimandla iyidlula ngantoni eyenu?Ngaba kanene loo mihlaba mikhulu kuneyenu na?
3 Nina niwubekela kude umhla weshwangusha,kanti nisondeza ukulawulwa lugonyamelo.
4 Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,nee ngqendevu kwezo sofa zenu,nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.
5 Nivukwa yinkenkqe yakutsho ihapu,niqambe ingoma nixelise uDavide.
6 Nizibetha zichuchumale iindebe yiwayini,niziqhole ngawexabiso amafutha,ningabi nantlungu ngokutshabalala kwendlu kaJosefu.
7 Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,aphele loo matheko enithe zava kuwo.
8 INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”