4 Nithe zukumfa kwiibhedi ezihonjiswe ngamabamba eendlovu,nee ngqendevu kwezo sofa zenu,nisitya eyona nyama ikhethiweyo yegusha nenkomo.
5 Nivukwa yinkenkqe yakutsho ihapu,niqambe ingoma nixelise uDavide.
6 Nizibetha zichuchumale iindebe yiwayini,niziqhole ngawexabiso amafutha,ningabi nantlungu ngokutshabalala kwendlu kaJosefu.
7 Ngoko ke kuya kuqala kuthinjwe nina,aphele loo matheko enithe zava kuwo.
8 INkosi *uNdikhoyo ifunge igama layo;ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke,uthi: “Ndiyalicekisa ikratshi lenzala kaYakobi;ndithiye nkqu loo mabhotwe bahlala kuwo.Ke ngoko isixeko nako konke okukuso ndiza kusinikela kwiintshaba.”
9 Kumzi ekukho ishumi lamadoda kuwo, aya kufa.
10 Siya kuthi isizalwana esingcwabayo xa siphakamisa isidumbu sisikhuphela ngaphandle ukuze sitshise amathambo, sakubiza umntu osengontsini yendlu sisithi: “Ngaba uwedwa apho?” aze athi: “Ndindedwa!” isizalwana eso sithi: “Yithi cwaka; igama likaNdikhoyo malingakhankanywa kule nto.”