4 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.
5 Ndaza ndathi: “Nceda, Nkosi Ndikhoyo; pheza ngoku. Abantu bakwaYakobi baya kuphela, beziindwayi nje!”
6 UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe malunga nalo mba. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” itshilo iNkosi uNdikhoyo.
7 Naku eyandibonisa kona. INkosi yayimi ngaseludongeni olwalwakhiwe lumpuluswa, iphethe isixhobo sokulungelelanisa.
8 Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga.
9 Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
10 UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe.