1 Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo.
2 Yathi: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi mna: “Ndibona ingobozi ezele ziziqhamo ezivuthiweyo.”Uthe kum uNdikhoyo: “Sesifikile isiphelo kubantu bam amaSirayeli, oku kwesiqhamo esivuthiweyo, yaye andiyi kubuya ndiphinde ndibaxolele.
3 Ngaloo mini iingoma zasebhotwe ziya kujika zibe sisijwili. Kuya kujuba izidumbu ngapha nangapha, kuthi nzwanga. Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”
4 Phulaphulani, nina niwacinezelayo amahlwempu,nizama ukuzicim' igama iindwayi.
5 Nina nithi: “Yaz'ba iya kuphela nini le misitho yentwasa-nyanga,side size kuthengisa isivuno sethu?Iya kuda idlule nini yona le mihla yokuphumla,khon' ukuze sananise ngengqolowa?”Ibe kanti umlinganiselo niza kuwucutha,ixabiso lona nilinyuse,nenze ubuqhetseba ngezikali ezinganyanisekanga.
6 Amahlwempu niza kuwathenga ngesiliva,abasweleyo nibafumane nokuba kungeembadada,nithengise nkqu nangomdlungu wengqolowa.
7 UNdikhoyo, iqhayiya likaYakobi, ufunge esithi:“Ndikhonje, andisobe ndizilibale nanini na izenzo zabo!