10 Amatheko enu aya kujika abe yinzila,iingoma zenu zibe sisililo.Niya kuzibhijela amarhonya nizile,iintloko zenu zibe nenkqayi.Kuya kuba ngathi ningumntu ozilele umntwana okuphela kwakhe.Loo mini yesiphelo iya kuba krakra.”
11 Nguwo lo umlomo weNkosi uNdikhoyo:“Seyisondele imihla yokuba ndihlise indlala ehlabathini,ingabi kukulambela ukudla okanye ukunxanelwa amanzi,koko ibe kukufuna ukuva amazwi kaNdikhoyo.
12 Baya kubhadula abantu, bebheka ngapha nangapha,bathi bengasentla babe bengasempumalanga,bezingela ilizwi likaNdikhoyo.Kambe ke abasayi kulifumana.
13 “Ngaloo mini iinzwakazi neenzwana ziya kuyoba lunxano.
14 Abo bafunga loo nto ilihlazo laseSamariya,besithi: ‘Ekhonje uthixo wakho, Dan,’besithi: ‘Ikhonje indlela abanyuka ngayo abantu ukuya kunqula eBheshebha,’bona baya kuwa, bangabi sabuya bavuke.”