4 Phulaphulani, nina niwacinezelayo amahlwempu,nizama ukuzicim' igama iindwayi.
5 Nina nithi: “Yaz'ba iya kuphela nini le misitho yentwasa-nyanga,side size kuthengisa isivuno sethu?Iya kuda idlule nini yona le mihla yokuphumla,khon' ukuze sananise ngengqolowa?”Ibe kanti umlinganiselo niza kuwucutha,ixabiso lona nilinyuse,nenze ubuqhetseba ngezikali ezinganyanisekanga.
6 Amahlwempu niza kuwathenga ngesiliva,abasweleyo nibafumane nokuba kungeembadada,nithengise nkqu nangomdlungu wengqolowa.
7 UNdikhoyo, iqhayiya likaYakobi, ufunge esithi:“Ndikhonje, andisobe ndizilibale nanini na izenzo zabo!
8 Aliyi kunyikima na ilizwe ngenxa yoku,baze benze isijwili bonke abemi balo?Awuyi kuphakama na umhlaba uxele iNayile,uphinde uthothe njengaloo mlambo waseJiputa?”
9 Nguwo lo umlomo weNkosi uNdikhoyo:“Ngaloo mini ilanga liya kutshona emini emaqanda,kube sisithokothoko emhlabeni ngexesha lasemini.
10 Amatheko enu aya kujika abe yinzila,iingoma zenu zibe sisililo.Niya kuzibhijela amarhonya nizile,iintloko zenu zibe nenkqayi.Kuya kuba ngathi ningumntu ozilele umntwana okuphela kwakhe.Loo mini yesiphelo iya kuba krakra.”