1 Ndayibona iNkosi imi ngaseqongeni lamadini, yaza yathi:“Betha ezo ntsika phezulu kude kushukume umgubasi.Zaphule, ziwele phezu kwabo bantu balapho.Bonke abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele.Akukho namnye uya kubaleka;akukho bani uya kusinda konke.
2 Nokuba bangade bazembele baye kutsho kwelabafileyo,ndiya kubakhupha apho.Nokuba bangade banyukele phezulu ezulwini,ndiya kubathula nalapho.
3 Ndithi nokuba bangade baye kuzimela phezu kwentaba iKarmele,ndiya kubazingela nalapho, ndibakhuphe.Bangade baye kuzimela ezantsi elwandle, bazifihle kum,nalapho ndobathumela ngenyoka yaselwandle, ibadle.
4 Nokuba bangade basiwe ekuthinjweni ziintshaba,nalapho ndothi mababulawe ngekrele.Ndowatsolisa amehlo am phezu kwabo,kungenganjongo yakubenzela okuhle,kodwa kungenjongo yokubenzela ububi.”
5 Itsho linyibilike yakulichukumisa ihlabathi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke,kube sisijwili kubo bonke abemi balo.Ihlabathi liya kuphakama lixele iNayile,liphinde lithothe njengaloo mlambo waseJiputa.
6 Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –nguNdikhoyo igama lakhe.