2 Nokuba bangade bazembele baye kutsho kwelabafileyo,ndiya kubakhupha apho.Nokuba bangade banyukele phezulu ezulwini,ndiya kubathula nalapho.
3 Ndithi nokuba bangade baye kuzimela phezu kwentaba iKarmele,ndiya kubazingela nalapho, ndibakhuphe.Bangade baye kuzimela ezantsi elwandle, bazifihle kum,nalapho ndobathumela ngenyoka yaselwandle, ibadle.
4 Nokuba bangade basiwe ekuthinjweni ziintshaba,nalapho ndothi mababulawe ngekrele.Ndowatsolisa amehlo am phezu kwabo,kungenganjongo yakubenzela okuhle,kodwa kungenjongo yokubenzela ububi.”
5 Itsho linyibilike yakulichukumisa ihlabathi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke,kube sisijwili kubo bonke abemi balo.Ihlabathi liya kuphakama lixele iNayile,liphinde lithothe njengaloo mlambo waseJiputa.
6 Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –nguNdikhoyo igama lakhe.
7 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Kum nina maSirayeli anahlukanga nganto kumaKushe.Andithi kanene ndim lo wakhupha amaSirayeli eJiputa,amaFilistiya ndawakhulula kumaKretenamaSiriya eKire?
8 Inene, ndiyiNkosi uNdikhoyo nje, ndibuqwalasele ubukumkani obonayo,ndaye ndiza kubususa ehlabathini.Phofu andiyi kuyicima kuphele indlu kaYakobi.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.