9 “Ukususela ngoku ndiza kuthi makahlukuhlwe ahlelwe amaSirayeli phakathi kwezizwe,kanye njengokuba ingqolowa ihlukuhlwa ihlelwe esefini,kambe akuyi kubakho lukhozo luwa emhlabeni.
10 Bonke aboni phakathi kwabantu bam baza kufa ngekrele,nditsho nkqu abo bathi: ‘Intlekele ayikusihlela; ewe, ngekhe isifikele.’ ”
11 “Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umzi kaDavide ongamanxiwa.Ndozityabeka iimfanta zeendonga zawo,ndiwavuse loo mabhodlo, abe njengoko ayenjalo ngaphambili.
12 Abantu bam baya kuthatha umhlaba wamaEdom oseleyo,nalowo wezizwe ezazikade zibizwa ngegama lam.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,yena oya kukwenza konke oku.
13 Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona,kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa.Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya,iinduli zitsho zinyibilike.
14 Ndiya kubabuyisa ekuthinjweni abantu bam amaSirayeli,bawavuse amanxiwa ezixeko zabo, bahlale kuzo,balime izidiliya, basele iwayini yazo,balime izitiya, badle iziqhamo zazo.
15 Ndiya kubazinzisa emhlabeni wabo,bangabe babuye basuswe kuwo umhlaba endibanike wona.”Utsho uNdikhoyo uThixo wenu.