1 Ke kaloku emva kwezo ziganeko ukumkani uAsuwerosi wawonga uHaman unyana kaHamedata um-Agagi, wamphakamisa wamnika esona sihlalo siphezulu kunazo zonke ezinye izikhulu.
2 Zonke izicaka zikakumkani apho esangweni zaguqa zakhahlela kuHaman ngokomyalelo kakumkani ngoHaman lowo. Kambe ke yena uModekayi zange aguqe akhahlele apho kuHaman.
3 Ke izicaka zikakumkani ezazilapho esangweni zabuza uModekayi zathi: “Ngani ukuba wena ungawuthobeli umyalelo kakumkani?”
4 Mihla le zazithetha naye ngale nto, kodwa yena engavumi ukuthobela loo myalelo. Ngoko zamxelela uHaman ngoModekayi lowo, zifuna ukuqonda ukuba sonyanyezelwa na eso simo sikaModekayi, njengoko wayezixelele ukuba yena ungumJuda.
5 UHaman akuqonda ukuba uModekayi akavumi ukuguqa akhahlele kuye, wasuka wanomsindo.
6 Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.
7 Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.