Uestere 3:6-12 XHO96

6 Kodwa wathi, akuluqonda uhlanga lukaModekayi, akayithanda into yokuba abulale uModekayi yedwa. Ngoko ke uHaman wazama indlela yokulutshabalalisa lonke uhlanga lukaModekayi – amaJuda – kubo bonke ubukumkani buka-Asuwerosi.

7 Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.

8 UHaman wathetha nokumkani uAsuwerosi wathi: “Kukho uhlanga oluthe saa phakathi kwabantu bonke kuwo onke amaphondo ombuso wakho. Aba bantu bahleli bezikhethile kwabanye abantu. Amasiko abo ahlukile kuwo onke awabanye abantu, nemithetho kakumkani abayithobeli. Ngoko ke asinto intle ukuba ukumkani abanyamezele aba bantu.

9 Xa kukholekile kuwe, kumkani, makubhalwe phantsi batshatyalaliswe. Ke mna ndiza kukhupha iikhilogram zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane amawaka, ndizinikezele ezandleni zabagcina oovimba bakomkhulu, ukuze zigcinwe kubo.”

10 Ngoko ke ukumkani wakhupha umsesane wakhe emnweni, wawunika uHaman unyana kaHamedata um-Agagi owayelutshaba lwamaJuda.

11 Ukumkani wathi kuHaman: “Yeyakho kaloku imali leyo; yenza ngokubona kwakho mayela nolu hlanga.”

12 Ke kaloku ngosuku lweshumi elinesithathu kwinyanga yokuqala babizwa oonobhala bakomkhulu. Basixelelwa isihlokomiso esasiphuma kuHaman, sisiya kwiirhuluneli zikakumkani, nabalawuli kunye nezikhulu zamaphondo awahlukeneyo abantu ngabantu. Kwathiwa mabasibhale kwangezo lwimi zahlukeneyo zeentlanga ngeentlanga. Ezi zaziso ke zabhalwa egameni likakumkani uAsuwerosi ngokwakhe, zaza zanyatheliswa ngomsesane wakhe.