Uestere 3:9-15 XHO96

9 Xa kukholekile kuwe, kumkani, makubhalwe phantsi batshatyalaliswe. Ke mna ndiza kukhupha iikhilogram zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane amawaka, ndizinikezele ezandleni zabagcina oovimba bakomkhulu, ukuze zigcinwe kubo.”

10 Ngoko ke ukumkani wakhupha umsesane wakhe emnweni, wawunika uHaman unyana kaHamedata um-Agagi owayelutshaba lwamaJuda.

11 Ukumkani wathi kuHaman: “Yeyakho kaloku imali leyo; yenza ngokubona kwakho mayela nolu hlanga.”

12 Ke kaloku ngosuku lweshumi elinesithathu kwinyanga yokuqala babizwa oonobhala bakomkhulu. Basixelelwa isihlokomiso esasiphuma kuHaman, sisiya kwiirhuluneli zikakumkani, nabalawuli kunye nezikhulu zamaphondo awahlukeneyo abantu ngabantu. Kwathiwa mabasibhale kwangezo lwimi zahlukeneyo zeentlanga ngeentlanga. Ezi zaziso ke zabhalwa egameni likakumkani uAsuwerosi ngokwakhe, zaza zanyatheliswa ngomsesane wakhe.

13 Ezo ncwadi ke zanikezelwa kwizigidimi ezathunywa kuwo onke amaphondo ombuso kakumkani. Zaziyalela ukuba onke amaJuda, amadala kwanamanci, abafazi nabantwana, makabulawe atshatyalaliswe atshitshiswe ngamini-nye – umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeshumi elinambini uAdare – ke zona iimpahla neento zawo zonke zithathwe zibe ngamaxhoba.

14 Ikopi yesi sihlokomiso ke yayiza kubekwa ibe ngumthetho kwiphondo ngalinye, ibhengezwe kubantu beentlanga ngeentlanga, khon' ukuze bahlale belulindele olo suku.

15 Ke kaloku yaba ngamaxhaphetshu, izigidimi zikakumkani zibhengeza eso sihlokomiso sasiphuma kukumkani komkhulu eSusa. Ke ukumkani noHaman bahlala phantsi basela, sabe sona isixeko esiyiSusa sididekile.