1 Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:
2 “Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.
3 Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.
4 Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”