Uezra 3:4-10 XHO96

4 Kananjalo njengoko kubhaliwe, babhiyozela iTheko lamaPhempe, imini nganye ngokwamadini atshiswayo amiselweyo.

5 Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo.

6 Ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe baqalisa ukwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo.Sasingekabekwa isiseko sendlu *kaNdikhoyo.

7 Ke bakhupha imali, bayinika abaqingqi bamatye nabachweli. Bakhupha nokutya, into eselwayo, namafutha omnquma, banika abantu baseSidon nabaseTire, ukuze babathwalele izibonda zomsedare eLebhanon, bazifake elwandle, ziye eJopa, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.

8 Ngenyanga yesibini kunyaka wesibini befikile endlwini kaThixo eJerusalem, uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, uYeshuwa unyana kaJozadaki, nabantakwabo ababingeleli nabaLevi, nabo bonke ababebuyele eJerusalem bephuma ekuthinjweni, bawuqalisa umsebenzi, bamisela abaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu ukuba bavelele umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo.

9 UYeshuwa noonyana bakhe nabantakwabo, noKademiyeli noonyana bakhe (inzala kaJuda), noonyana bakaHenadadi, noonyana babo, nabantakwabo, bonke bengabaLevi, ewe, xa bebonke babejonge abasebenzi ababesakha indlu kaThixo.

10 Bathe abakhi bakusimisa isiseko sendlu kaNdikhoyo, ababingeleli bevathe ezobubingeleli, bephethe amaxilongo, abaLevi bona (oonyana baka-Asafu) bephethe amacangci, bebonke bema ngeendawo zabo, badumisa uNdikhoyo ngokommiselo kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.