Uezra 3:7-13 XHO96

7 Ke bakhupha imali, bayinika abaqingqi bamatye nabachweli. Bakhupha nokutya, into eselwayo, namafutha omnquma, banika abantu baseSidon nabaseTire, ukuze babathwalele izibonda zomsedare eLebhanon, bazifake elwandle, ziye eJopa, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.

8 Ngenyanga yesibini kunyaka wesibini befikile endlwini kaThixo eJerusalem, uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, uYeshuwa unyana kaJozadaki, nabantakwabo ababingeleli nabaLevi, nabo bonke ababebuyele eJerusalem bephuma ekuthinjweni, bawuqalisa umsebenzi, bamisela abaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu ukuba bavelele umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo.

9 UYeshuwa noonyana bakhe nabantakwabo, noKademiyeli noonyana bakhe (inzala kaJuda), noonyana bakaHenadadi, noonyana babo, nabantakwabo, bonke bengabaLevi, ewe, xa bebonke babejonge abasebenzi ababesakha indlu kaThixo.

10 Bathe abakhi bakusimisa isiseko sendlu kaNdikhoyo, ababingeleli bevathe ezobubingeleli, bephethe amaxilongo, abaLevi bona (oonyana baka-Asafu) bephethe amacangci, bebonke bema ngeendawo zabo, badumisa uNdikhoyo ngokommiselo kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

11 Bantyiloza bebonga bedumisa uNdikhoyo, besithi:“Hayi kambe ukulunga kwakhe!Izibele zakhe kuSirayeli zimi ngonaphakade.”Bonke ke abantu bahlokoma ngentswahla, bekhahlela kuNdikhoyo ngenxa yokumiswa kweziseko zendlu kaNdikhoyo.

12 Ke bona abadala ababingeleli nabaLevi neenkulu zezindlu, ababeyazi indlu yantlandlolo, ababanga nakuzibamba, koko basuka bangqukruleka bakusibona simiswa isiseko sendlu kaThixo. Ke bona abanye batsho ngentswahla luvuyo.

13 Yaba yintsholo nje engazekiyo nokuba yimikhwazo yovuyo na okanye zizikhalo. Kaloku abantu basuka batsho ngamayeyeye, ntsholo leyo yayivakala nakude.