1 Ke iintshaba zikaJuda noBhenjamin zithe zakuva ukuba abo babuyileyo ekuthinjweni nâbo besakha indlu *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli,
2 zasuka zeza kuZerubhabheli neenkulu zezindlu, zathi kubo: “Nathi sifuna ukunincedisa ekwakheni, kuba nathi kwanjengani siyamlangazelela lo Thixo wenu. Nangoku sasoloko simenzela amadini, kusukela kwixesha likakumkani waseAsiriya uEsaradon, lo wasizisa apha.”
3 Ke uZerubhabheli noYeshuwa neenkulu zezindlu zikaSirayeli baphendula bathi: “Aninalo ilungelo lokwakhela uThixo wethu indlu. Sithi sodwa abaza kuyakha le ndlu kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.”
4 Zasuka ke ezo ntlanga zazibangqongile zabatyhafisa abantu bakwaJuda, zabenza boyika ukuwuqhuba umsebenzi wokwakha.
5 Zathenga amagosa awazidodobalisayo izicwangciso ngalo lonke ithuba lolawulo lukaKoreshi ukumkani wasePeshiya yada yalulawulo lukaDariyo ukumkani wasePeshiya.
6 Ke kaloku ekuqaleni kolawulo luka-Asuwerosi bababeka isityholo esibhaliweyo abantu bakwaJuda nabaseJerusalem.
7 Ke ngemihla ka-Atashasta ukumkani wasePeshiya uBhish-lam, uMitredati, noTabheli, namahlakani abo, babhala ileta, bayithumela kuAtashasta. Le leta ke yayibhalwe ngesiAram ngokwendlela isiAram esibhalwa ngayo.