12 “Ukumkani simazisa ukuba laa maJuda awawathumela apha kuthi, nango eJerusalem ehlaziya esiya sixeko sidume ngovukelo nenkohlakalo. Ayazivusa iindonga zaso, nesiseko saso ayasilungisa.
13 Makaqonde kakuhle ke ukumkani: ukuba esi sixeko sithe savuswa kwakhona neendonga zaso zalungiswa, ziya kunqumka iirhafu, kungekho namrhumo naluphi na uhlobo lomnikelo oluya kuhlawulwa – nto leyo ke iya kuyiqhwalelisa ingxowa yasebhotwe.
14 Ngoko ke thina njengabantu abaxhomekeke kwikomkhulu elo, futhi singakunqweneli ukubona ukumkani edelekile, sithe masikuthumele le leta sikwazise, mhlekazi,
15 khon' ukuze kwenziwe uphando kumaxwebhu ashiywa ngabo bakwandulelayo. Apho kwezo ngcombolo ke uya kufumanisa ukuba esi sisixeko sabavukeli, abaphembeleli-dushe kookumkani nakumaphondo; kakade yayiyindawo yodushe kwamandulo. Kwakungenxa yaloo nto ukuze sitshatyalaliswe esi sixeko.
16 Ewe, siyakulumkisa, mhlekazi: ukuba sikhe sakhiwa esi sixeko, zavuswa neendonga zaso, wena uya kusala ungenanto apha kwelentshona ye-Efrati.”
17 Ukumkani ke waphendula wenjenje:“URehum igosa eliphetheyo, uShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo ahlala eSamariya naphi na kwelentshona ye-Efrati: Bhotani!“Ke
18 ileta eniyibhalileyo nasithumelela yona ifundiwe yaguqulwa nam ndisiva.