21 Ngoko ke wisani umyalelo abo bantu bawuyeke loo msebenzi, ukuze eso sixeko singakhiwa de mna ndikuyalele oko.
22 Nize nincede ke ningawuyekeleli lo mcimbi. Ningathini ukuyiyeka ihambele phambili into eza kubeka ikomkhulu emngciphekweni?”
23 Ithe ke, isakufundwa loo leta yayivela kukumkani uAtashasta, uRehum noShimshayi unobhala namahlakani abo basuka ngoko nangoko baya kumaJuda eJerusalem, bafika bawanyanzela ngenkani ukuba awumise umsebenzi.
24 Ngoko ke umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo eJerusalem wema ngxi, yada yangunyaka wesibini wolawulo lukaDariyo ukumkani wasePeshiya.